Monday, 12 March 2012

Ewe,ndinguMxhosa,ndingumntana kaMakhulu.



Abandazi kakuhle,bayayazi ngqo ukuba xa ndithi "Ingqukuva ka Makhulu" ndibhekise kubani. Ewe,wayetsho xa endibiza.

Ayikho into edlula ukulahlekwa ngumntu omthandayo abe engasoze aphinde abuye, bayatsho ke bathi yonke into yenzeka ngesi zathu futhi kuyoyonke into embi eyenzekayo kunento entle ezolandela.

Bendinga thanda kakhulu ukubuyisela emva intsuku zokuphila, apho ndizo kwazi ukuba ndimbone umakhulu wam, ndike ndichithe nje noba lelosukwana. Ndibe ke phofu ndifuna nje ukubulela, ndinjenje, ndilapha nje kungenxa yakhe. Ubunzi bempilo owabuphilayo abubobu nzima endingabufisela umntu nditsho nayiphi intshaba engake ibekhona emhlabeni.  Makhulu wam ndiyabulela.

Ukukhulela kwam eHostel,kwaba kukuhlukana kwam, nokuthambekisa ukuxhumana kwam naye: ndikhumbula ngenye imini ndimfuwnela, le fowni yakhe ke phofu uyaxakwa nakuyi phendula yuh engakhwazi mani kwakungathi uthetha nomntu lo okude kunaye ngokuma.
Hayi ndingathetha ndingayeki ngawe.

...Ingqukuva yakho iyosoloko ikucinga naphake.

No comments:

Post a Comment